Namhlanje, uMasipala waseWinnie Madikizela-Mandela (WMMLM), ngokubambisana neSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci, ubambe ngempumelelo umsitho wokunikezelwa kwezixhobo zokusebenza kuboosomashishini abayi-56 ababefake izicelo kwinkqubo ye-Informal and Micro Enterprise Development Programme (IMEDP) eCivic Centre.
OoSomashishini abaxhamlayo bathi, bayabulela kakhulu kwiSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci, i-SEDFA, kunye noMasipala ngenkxaso abayifumeneyo. Le nkxaso izakusinceda ukukhulisa amashishini abo kwaye ivule amathuba amatsha okuphila.
UCllr. L. Makholosa omele USodolophu uthe, “Siyazingca kakhulu ukubona amashishini alapha elengingqi exhamla kule nkqubo. Le nkxaso iza kubanceda oosomashishini bethu, badale amathuba emisebenzi, kwaye babe negalelo elibonakalayo kuqoqosho lwengingqi yethu.”
Le nkqubo iyinxalenye yemizamo eqhubekayo karhulumente yokuphuhlisa uqoqosho lwengingqi, ukudala amathuba emisebenzi, kunye nokuqinisa amashishini amancinci.
Department of Small Business Development
#IMEDP#LocalEconomicDevelopment#WMMLM#SmallBusinessDevelopment